Xhosa

 IKHWELO LENTSHUKUMO EBANTWINI 2010

 

Sele kukangangonyaka   apho sathi sadibana kunye singangabemi baseMzantsi   Afrika abaxhalabileyo ngenkqubo yezemfundo kawonke-wonke nalapho sathi sahlaba ikhwelo lentshukumo likawonke-wonke kwezemfundo. Nangona unyaka ugqithile akubangakho nkqubela phambili ingako yokumelana nemiceli-mngeni esijongene nayo kwinkqubo yezemfundo.  Abantu abahluphekileyo babeke ithemba labo kwezemfundo kuba inkqubo yezentlalo esinayo ikhangeleka njengefadaleleyo kubantu abaninzi.  Iyinyaniso yona into yokuba inkqubo yethu yezemfundo iyingxubakaxaka kwaye ayilolutho ebantwaneni bethu. Ukuba akujongwana nayo, oku akuzokujongela phantsi uphuhliso lwezoqoqosho nelezentlalo kuphela, koko kuya kujongela phantsi ukusebenza kwedemokhrasi yethu.

Nangona zininzi iintshukumo zokuphucula imfundo, nemigaqo-nkqubo , phofu konke oku kusenziwa ngeenjongo ezintle, sisaqhubekeka   ukubethelela ii ndidi ezimbini zemfundo eMzantsi Afrika—eyenzelwe abantwana bezityebi neyenzelwe abantwana basezidolophini nasemaphandleni abahluphekayo. Uninzi lwabantwana bethu lufunda kwizikolo ezingenazixhobo zaneleyo zokufundisa, ezinekamva elimfiliba nezoyikekayo.  Uninzi lwabantwana bethu abakafikeleli kwimfundo engolwimi lweenkobe kwaye uninzi lwezi ntsizana zabantwana luyanyanzeleka ukuba lufunde lulambile. Iziphumo zohlolo lwelitheresi, inyumeresi kunye nezengqiqo zibonisa indlela inkqubo yethu yezemfundo   eqhubekeka ngayo ukuvelisa iimpawu zemfundo eyayiphantsi kwenkqubo yocalucalulo.  Asikwazi ukusoloko sityhola ootitshala nabafundi bezikolo ezihluphekayo kule ngxubakaxaka.    Njengesizwe, asizidalanga ngempumelelo iimeko zokuphuhlisa imfundo eyimpumelelo kwezi  zikolo—njengesizwe kudingeka ukuba sidibanise iintloko size siluthathele kuthi uxanduva lwezemfundo.   

 Ingxubakaxaka kwezemfundo luxanduva lukarhulumente kunye nathi sonke, singuwonke-wonke. Njengabemi kwisizwe esisebenza phantsi kwedemokhrasi, akufunekanga silubaleke uxanduva lokubandakanyeka kukawonke-wonke. Ukongeza, le ngxubakaxaka kwezemfundo yintsindabadala   yenkqubo yezemfundo yesizwe kwayeke ngoko inkulu kakhulu ukuba singaxhomekeka kwiinzame zikarhulumente kuphela. Ngenxa yokuba uluntu luluqwalasele   kakhulu uphuhliso kwezepolitiko, kukhangelela ngathi   siyilibele into yokuba impumelelo kunye nemfundo   esexabisweni elililo ixhomekeke kwiintshukumo zoluntu luphela.  Ngoko keziyavakala izingqi zokunganeliseki ngokwezemfundo, sikwanqwenela   nentsebenziswano enkulu ecwangciswe ngokusesikweni.

Kungoko sihlaba eli khwelo kuluntu lonke lwaseMzantsi Afrika: abemi abaxhalabileyo ngezemfundo-abatsha nabadala, abazali,   abantu ekuhlaleni, abafundi, ootitshala kunye nabanye abafundisi baseziyunivesiti, amaqumrhu azimeleyo asebenza ngemfundo kunyo nabo basikhokeleyo esizweni nabemibutho yangaphandle ukuba badibane nathi kwezi nzame zokuqinisekisa ukuba imfundo kawonke-wonke ibekwa phezulu kwi-ajenda kazwelonke—kuba, kuxa sisebenzisana kunye apho singenza khona umahluko ngokuthi silubuyisele kuthi uxanduva lwedemokhrasi yethu nokukhankasela ukuba uluntu luzibandakanye kuyo yonke imiba yezemfundo.

Okokuqala, sicela bonke abantu baseMzantsi Afrika abangeka tyikityi eli khwelo  ukuba balityikitye.   Thabatha inxaxheba kwiingxoxo uzibandakanye kweli khwelo. Oku kuya kwakha isiseko sabo bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba badibane baze benze luqilima ikhonkco nentshukumo kwezemfundo engabandakanyi qela lezepolitiko umntu aphuma kulo

Sihlaba ikhwelo kubo bonke abemi  abaxhalabileyo ngezemfundo ukuba  bakhankasele uthatho nxaxheba kwezemfundo kwaye benze iingxoxo ezivulelekileyo nezinzulu ngemiba yezemfundo.

Sihlaba ikhwelo   kwimibutho, abafundisi-ntsapho nabo bonke abantu abasebenza ngezemfundo ukuba badibane kunye babelane ngamava nezinto ezibaxhalabisayo kwaye eyona nto ibalulekileyo bafumane iindawo abavisisana kuzo.

Sihlaba ikhwelo  lokuba bonke abantu baseMzantsi Afrika bashukume kulo nyaka ka-2010 baze bathathe icala ngendlela abayibona ngayo imfundo kawonke-wonke ngokuthi baxhase injongo e-1: Umkhankaso wemfundo kawonke-wonke.

Sixakekile siseka unxibelelwano oluquka abantu abazimeleyo, abantu ekuhlaleni kunye nemibutho yoluntu oluphuma kwiintlanga ngeentlanga ukuba badibane ngemiba yemfundo baze bakhankasele  imfundo eyiyo ngendlela esebenzayo kunaxa sisenza xa sisodwa.   Ukuze sifumane imfundo esiyinqwenelela umntu wonke wase-Mzantsi Afrika nokuqinisekisa ikamva eliqhakazileyo esasilithembise ulutsha nabantu bethu ngo1994 kudingeka ukuba sivakalise izimvo zethu, sithethe ngokuphandle size sisebenze nzima ngemiba yemfundo. Ngenxa yoku, sicwangcisa ukuhlanganisa uluntu nemibutho ezibandakanyayo noku kunye kwinkomfa kazwelonke apha ku-2010

Apha ngezantsi kudweliswe imiba esixhalabisayo nebesisoloko sicinga ngayo esinokuthi sisebenze ngayo.  Nangona kunjalo, njengokuba olu nxibelwano lukhula, ludibana ngezimvo   nangenxaxheba oluyidlalayo, eminye imiba esinokuthi sisebenze ngayo iza kuvela:

  • Ukuxhaswa kwelitheresi eMzantsi Afrika ngokuthi kukhuthazwe inkcubeko yokufunda;  ze iincwadi zenziwe ukuba zifikeleleke kumntu wonke eMzantsi Afrika, hayi kubantu abazizityebi bodwa, kuphinde kwakhiwe amathala eencwadi kukhuthazwe namaqela afundayo ekuhlaleni kuMzantsi Afrika uphela.
  •    Ukungeniswa   ngokukhawuleza kwenkqubo esisinyanzeliso yesondlo sabantwana besikolo engenabuqhophololo,   ekufuneka iphendule ngokwenzekileyo kubantu ekuhlaleni, khona ukuze noyena uhluphekileyo umntwana afumane isondlo esidingekeayo khona ukuze angene esikolweni ehluthi.
  •   Ukusekwa kwekomishoni kazwelonke ezimeleyo egxile kwimfundo, ingakumbi ezilalini nasezilokishini zabantu abahluphekileyo. Le komishoni kuza kufuneka inikwe uxanduva lokubamba iindibano ezivulelekileyo kuwonke-wonke neziselubala,   igxile kakhulu ekuveni amava   neembono zabantu abahluphekileyo ze ihambele kude neendlela zokubona zabantu ‘abaziingcaphephe’ ezisetyenziswayo kwiingxoxo zemigaqo-nkqubo zeminyaka egqithileyo nezithe zavala abantu imilomo.   Injongo yale komishoni kukuvelisa inkqubo ecingisisiweyo nesebenzayo yotshintsho olumandla lwenkqubo yezemfundo iphela, ze igxile ngakumbi kwizidingo zabona bantu bahluphekayo basezilalini nasezidolophini.

Unyaka ka-2010 ngunyaka ochulumancisayo noweziganeko apho sinamathuba okubonisa ihlabathi indlela esele siyihambile. Kodwa akufuneki sivumele iziganeko zika-2010 ukuba zitshintshe iimbono zethu ngendlela ekusamele siyihambe yaye akufuneki   silibale nangokubaluleka kokuzabalazela imfundo esemgangathweni yabo bonke abantu baseMzantsi Afrika . Kuba ihlabathi liza kube lijonge kuthi, masilithabathe eli thuba   sisisizwe, sidibane sikhankase kwakhona   size sivane ngohlobo lwemfundo esiyifunela abantwana bethu nabanye abantu elizweni lethu   abadinga uphuhliso lwezemfundo ngokulinganayo. Kuxa sizithembayo ukuba singakwenza oku apho sinokuthi sakhe uMzantsi Afrika   esawulwela ixesha elide nesisawulwelayo nanamhla oku.